Back to search

Univeristy of the Western Cape

Izakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esixhoseni

Abstract

dc:description.abstract

Olu phando lwahlula-hlulwe lwanezahluko ezintandathu. Zonke ezi zahluko ziqulathe okubalulekileyo malunga nokuveza izakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esiXhoseni. Isahluko sokuqala siqulathe intshayelelo, iinjongo zophando, intsusa-mabandla kwakunye nenkqubo oluza kuqhuba ngayo uphando equka umda kwakunye nendlela oluhlelwe ngayo. Isahluko sesibini sigxile kwiingcingane zobugcisa (ithiyori) ezintathu ezisetyenzisiweyo ezithi zincedise ukuxhasa kwanokuveza eyona mvelaphi yophando. Oku kuthi kudandalaziswe elubala ngokunika iingqwalasela kuluncwadi olukhoyo olumalunga neembongi zomthonyama ngokuthe gabalala. Isahluko sesithathu sinika engqwalasela ngokukhethekileyo kwimibongo emihlanu engabantu, apho kubo bambi bazinkokheli zopolitiko. Umbongo ngamnye uvelelwa intsusa-mabandla yawo kwanamabakala awo kuze kulandele uhlalutyo. Kwakuso esi sahluko kuthi kunikwe inkcazelo malunga nezixhobo okanye izangotshe zolwimi ezithile ezithi zifumaneke kuhlalutyo. Isahluko sesine sigxile kwimibongo emihlanu engendalo engengobantu, umzekelo; imilambo, ilanga, njalo-njalo. Nakuso esi isahluko kuqala kunikwe ingqwalasela kwimvelaphi okanye intsusa-mabandla yombongo ngamnye kuze kulandele amabakala ombongo kwakunye nohlalutyo. Kwesesihlanu isahluko kukwa landelwe le nkqubo yezinye izahluko, kodwa kuyo kungxilwe kwimibongo emihlanu engemiba yabantu ekuhlaleni. Isahluko sesithandathu luqukumbelo, kuze emva kwalo kulandele imithombo yolwazi kwakunye nemibongo yonke ihlalutyiweyo kuphando Iimbongi zomthonyama zibonakala zinesakhono esikhethekileyo sokusebenzisa ulwimi lwesiXhosa. Olu phando lujolise ekuvezeni nzulu ezo zakhono zolwimi zifumana zisetyenziswa zimbongi zomthonyama.

Degree

thesis:*
Grantor dc:publisher.institution
Univeristy of the Western Cape
Year dc:date.issued
2021

Author and committee

dc:creator, dc:contributor.*
Author dc:creator
  • Xakatha, Bonke

Subjects

dc:subject × 4

Rights

dc:rights

Chain of custody

source
Harvested from
University of the Western Cape
Base URL
uwcscholar.uwc.ac.za:8443/server/oai/request
Last updated
2026-07-24
Source record
OAI-PMH GetRecord
citation

Xakatha, Bonke. Izakhono zolwimi zeembongi zomthonyama esixhoseni. Univeristy of the Western Cape, 2021.