Back to search

University of the Western Cape

Indima yeeNdlela zokuCinga ngoLwimi, neNdlela olusetyenziswa ngayo kuGuqulelo oluya kwisiXhosa kwiSixekokazi seKapa neendawo ezisingqongileyo

Abstract

dc:description.abstract

Njengenxalenye yoko kubhalwa kokusingqongileyo, iibhodisalathisi zidlala indima ebalulekileyo ekudluliseni ulwazi okanye ekukhumbuzeni abo bazifundayo ngezinto eziyimfuneko. Ukusukela ngowe-1994 uMzantsi Afrika uthathe igxathu elibonakalayo ukungciba iintanda zexesha langaphambili. Iilwimi zabaNtsundu ezazingaselwe so ngaphambili, kuye kwafuneka ukuba zithathelwe ingqalelo njengezibalulekileyo nazo, zinikwe iwonga lokuba ziilwimi ezisemthethwethi njengesiNgesi nesiAfrikansi. Kufanelekile ke ngoko ukuba ngoku iimfuno zolwimi zabemi bonke zihoywe. Ngenxa yoko, ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kwisiXeko saseKapa kuye kwabaluleka kakhulu. Ukuguqulelwa kweebhodisalathisi kulikhonkco elibalulekileyo ekwakheni ubudlelwane nokuhlalisana kakuhle koluntu, ekusekeni izixeko apho kungekho mntu ushiywa ngaphandle khona, nezikhuthaza ubambano nomanyano ngokumandla. Noko kunjalo, indlela egwenxa ekwenziwa ngayo iinguqulelo ezisuka kwisiNgesi ukuya kwisiXhosa kwiibhodisalathisi, idiza ngokumhlophe ukuba zisathe gqolo izivubeko kwicala lolwimi. Uninzi lweebhodisalathisi zikawonkewonke kwisiXeko saseKapa, zibonakala ziinkone ziimposiso kwaye zilahlekisa. Lo msebenzi wophando ugrumba uze uhlalutye iingcambu zezi mposiso. Umnqweno ngowokuba okufunyenwe kolu phando kukhanyise kubeke elubala konke malunga nezi ngxaki kuguqulelolwimi oluya kwisiXhosa – njengomba wokuba oku kungakhathali akunakuthathwa kancinane, kuba kubonisa ukunyhashwa

Degree

thesis:*
Grantor dc:publisher.institution
University of the Western Cape
Year dc:date.issued
2023

Author and committee

dc:creator, dc:contributor.*
Author dc:creator
  • Ntwana, Thenjiswa

Rights

dc:rights

Chain of custody

source
Harvested from
University of the Western Cape
Base URL
uwcscholar.uwc.ac.za:8443/server/oai/request
Last updated
2026-07-24
Source record
OAI-PMH GetRecord
related terms
citation

Ntwana, Thenjiswa. Indima yeeNdlela zokuCinga ngoLwimi, neNdlela olusetyenziswa ngayo kuGuqulelo oluya kwisiXhosa kwiSixekokazi seKapa neendawo ezisingqongileyo. University of the Western Cape, 2023.